CrimeLatest NewsNews

KUTYHOLWA INDODA NGOKUDLWENGULA IZE IBETH’ITHATHA

Kwehle isehlo esibi kwilali yakwaNgcoya, eLusikisiki, apho indoda enamashumi amabini anesibhozo ubudala kutyholwa ukuba idlwengule ixhegwazana elinamashumi asibhozo kwikhaya layo. Ixhoba, elihlala nabazukulwana balo abaneminyaka esibhozo ubudala, lichaze esi sehlo, nto leyo ekhokelele ekubanjweni komrhanelwa.

Ingxelo idiza ukuba umrhanelwa ungene kwikhaya leli bhinqa ngentseni waze wenza esi senzo simasikizi. Kwimeko eyothusayo, emva kokudlwengula ixhegwazana, umrhanelwa uye walala cum ecaleni kwalo. Abahlali belali yakwaNgcoya bathe basabela ngokukhawuleza kule meko, bafumanisa ukuba umrhanelwa ebetha ithatha, baza bathabatha amanyathelo okuqinisekisa ubulungisa.

Amapolisa abizelwe kwindawo yesiganeko ze umrhanelwa wathiwa nqaku. Kulindeleke ukuba athi mamfu emaplangweni eLusikisiki, ejongene nezi zityholo.Kuqhwatyelwe izandla inyathelo loluntu elikhawulezileyo laqinisekisa ukubanjwa komrhanelwa, kwaye uphando lwamapolisa lusaqhubeka.

Esi siganeko sithumele umothuko kuluntu, sigxininisa imfuneko yokuqhubeka neenzame zokuthintela ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokukhusela amalungu asengozini yoluntu. Amapolisa ancome abahlali ngesenzo sabo esikhawulezileyo nokungazithatheli umthetho ezandleni zabo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *