UMFUNDI OWAFUMANA INGOZI YEMOTO UPHUMELELE NGE-BACHELOR.
UNabo Kitshini, umfundi waseGqeberha, woyisa ubunzima obumangalisayo ukuze aphumelele kwiimviwo zakhe zokugqibela.
Kwiiveki nje ezimbini phambi kweemviwo zakhe, uNabo wabandakanyeka kwingozi yemoto kuhola wendlela u-N2, wophuka ingalo yakhe, asebenzisa yona ukubhala. Le ngozi yenzeka kwiintsuku nje ezimbalwa emva kokuba umntakwabo ethenge isithuthi.
Phezu kwaloo ntlungu, uNabo akazange awancame amaphupha akhe emfundo. Wabhalelwa iimviwo zakhe ngomnye, phantsi koxinzelelo olukhulu, kuba yena engakwazi kuzibhalela iimviwo zakhe.

Iziphumo ezichazwe mva nje, zidiza ukuba uphumelele emagqabini, umsebenzi omangalisayo oshiye usapho lwakhe, abahlobo, kunye noluntu luzingca.
“Ngummangaliso wokwenyani lo,” lwatsho usapho lwakhe. “Sinombulelo ongazenzisiyo ngenxa yokukhalipha nonyamezelo lukaNabo. UThixo mkhulu ngamaxesha onke.” Kutsho udadewabo, u Nabo.
Ibali likaNabo elimangalisayo lisebenza njengesikhumbuzo esinamandla sokuba, ngokuzimisela nokusebenza nzima, nantoni na inokwenzeka, naphezu kobunzima.