Crime

KUTYHOLWA IGOSA LEZEMPILO NGOBUQHOPHOLOLO

Ibutho lookhetshe lithe nqaku igosa lezempilo, u Gqirha Sizwe Kupelo, ngezityholo zobuqhophololo emva kokutyholwa ukuba akanaso isiqnisekiso sebanga leshumi. Ngokwengxelo ekhutshwe zi-Hawks, u Kupelo, waqeshwa lisebe lezempilo kwi ofisi yemkulubaphathiswa ngo April wonyaka wama-2002, nekutyholwa ukuba waqeshwa njengosekela mlawuli wezonxibelelwano kwisebe lezempilo emva kweenyanga ezintandathu ekwi ofisi yenkulubaphathiswa.

“ngowama-2020 isebe lezempilo liqhube uphicotho nophononongo lweziqinisekiso kunye nezakhono , nekulapho kuvele izityholo zokuba u Kupelo zange wanalo ibanga leshumi, endaweni yoko wazisa isiqinisekiso somgunyathi” Kuhambisa ingxelo yebutho lokhetshe.

“Lo mcimbi udluliselwe kwi- Hawks ukuze ziqhube uphando, nalapho ziye zaziqinisekisa ezi zityholo, waza wabanjwa u Kupelo ngolwesithathu, umhla wamashumi amabini anesine kule nyanga ka April. Uvele kafutshane kwinkundla  kamatyi , e Zwelitsha waza wakhululwa ngebheyile ye-R30 000”.

Ukanti isebe lezempilo likhuphe ingxelo, livakalisa ukuba lamkela nasiphi na isinyathelo esiqinisekisa urhulumento olusulungekileyo. Isithethi sesebe lesempilo kwiphondo leMpuma-Kapa, u Mkhululi Ndamase uthi  isebe liwuyekele kwabecandelo elilwa nolwaphulo-mthetho lo mba.

“Lo mba usingathwe ngabecandelo elilwa ulwaphulo-mthetho, ngoko ke asinako ukuphefumla ngakumbi kuwo’’ kutsho u Ndamase.

uGqr.Sizwe Kupelo, ifoto: MDN News

Ngonyaka ka-2022 iziko lika Gqirha Kupelo, Dr Sizwe Kupelo Foundation, lamemelela ukupheliswa kokugcinwa ekhaya koonongqovu bezinja ezibizwa ngokuba zii pitbulls emva kokuba zaziqwenga uluntu lweli lizwe, ngokungena lusini. Ukanti lo ka Kupelo uqhube iinkqubo eziliqela nakunyaka ophelileyo, ezifana nokunikezela ngendlu kubantwana abathathu, ekwenza oko ngelibhiyozela inyanga ka Mandela.

Ukanti kulindeleke ukuba avele enkundleni ngomhla wamashumi amathathu ku April.

Intloko yee-Hawks kwiphondo leMpumaKapa, u Major General Obed Ngwenya uqhwabele izandla eli butho ngomsebenzi walo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *