Indaba

BOTHUKE BAXHOMA AMEHLO BEBONA “UMKHOVU” ABAHLALI BASEMPHUMAZE

Usapho lwakwaKhwela, kwilali yase Ndimakude, eMphumaze, e Flagstaff lothuke lwaphantsa ukucholwa phantsi emva kokuthi vumbu komntu ongaziwayo, nekubonakele ukuba akakwazi ukuthetha, kwinto echazwe ngokuba uqhobosheke ulwimi. Ingxelo yekhaya idize ukuba lo mfo ungene kweli khaya ebusuku ngolwesithathu, umhla weshumi elinesibhozo kule nyanga kaTshazimpuzi , waza wathi xa ebuzwa ukuba ungubani waphi, akwaphuma mpendulo.  U Babongile Khwela ofikele kuye uthi uthe akungaphenduli wamgcina kuye loo gama ezama ukuba abuzise kubafana belali ukuba abanalwazi na.

“Ufikile umntwana apha, ndathi xa ndizama ukuthetha naye ndaphawula ukuba akathethi uthetha ngezandla, ndaza ke ndabuzisa kubafana endiqonda ukuba bangamazi, kodwa kwacaca ukuba nabo abamazi” Kutsho u Nksz. Khwela.

Uthi emva koko uye wabhala igama lakhe, abhale nokuba uzigqibele ekwazi ukuthetha, kwaye akazi ukuba kugqibele phi ukuze azibone engena kweli khaya. Kamva kuye kwathi kwakujikelezwa kubuziswa kwevakala ukuba ungowelali yase Mkhamela, kwaye ukwiminyaka engamashumi amabini ubudala.

Abahlali bathi bebegqibile ukuba kumhla bawubona ngamehlo umkhovu, ungazange wabonwa ndawo nje. Utata u Linyana ongumhlali uthi eyona nto ibothuse kakhulu kukufumanisa ukuba uqhobosheke ulwimi, baza bafumana ukuphumla xa kufumaneka usapho lwakhe. U Linyana ukwabulele ku Nksz. Khwela owamkele waza wagcina le ndoda.

 Ukanti inkosi yelali, u Nkosi Xolile Sigcau udlulise umbulelo kubahlali emva kokuba bekhawuleze bazokufika ukuze kufunyanwe usapho lwale ndoda.

“Ndiyabulela kakhulu kubahlali baseMphumaze ngokuthi kwakuvela le ngxaki, sibabiza, basabele bazokufika kwangexesha ukuze umfana lo akwazi ukuncedakala, nosapho lwakhe lufumaneke ngokukhawuleza, ndikwabulela nakwikhaya eli afikele kulo ngokumgcina, limgamlahleli ngaphandle” Kutsho u Nkosi Sigcau.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *