Indaba

KUVELA UKUNGAXOLI KUNGCWATYWA UCEBA OKWANGUMFUNDISI

Uceba we EFF kwibhunga lomasipala wase-Port st Johns, U Luvuyo Mafaka ubekwe kwikhaya lakhe likandancama, kwilali yase Lutshaya, e eLusikisiki ngomgqibelo umhla weshumi elinesithathu kule ka Tshazimpuzi. U Mafaka uqutyulwe nguqubul’egeqa wegongqongqo lokufa ngolwesihlanu, umhla wamashumi amabini anethoba kwinyanga yoKwindla, emva kwengulo emfutshane, ekwisibhedlela esikwaZulu Natal. U Mafaka uzimanye nombutho wopolitiko I-EFF, ngonyaka ka 2020, waza wonyulwa njengoceba walo mbutho kwibhunga lolawulo lomasipala iSajonisi. Amalungu e- EFF kunye nomasipala waseSajonisi, ukhokelwe ngu sodolophu kulo masipala u Nomvuzo Mlombile Cingo bebezimase lo mngcwabo. U Mlombile Cingo umchaze lo ka Mafaka njengosopolitiki obekhathalele uphuhliso loluntu lwalo mmandla.

“U Cllr. Mafaka ebengumntu obeluthanda kakhulu uphuhliso loluntu, kwaye eqinisekisa ukuba umasipala uyaphendula ngento yonke. Ebethanda kakhulu icandelo leenkonzo zokulawula umasipala eliquka ingqesho, ndiyabona ukuba ebefuna ukuba abone kakuhle ukuba ingqesho iqhutywa njani” kutsho usodolophu u Mlombile-Cingo.

Cllr.Luvuyo Mafaka, EFF Official page

Ukanti umbutho we-EFF kwiphondo leMpuma-kapa ukuchaze ukusweleka kuka Mafaka njengelahleko enkulu. Unobhala we-EFF, kweli phondo, u Simthembile Madikizela uthi u Mafaka nguceba ebekuxabisile ukunika ingxelo ngawo wonke umsebenzi wophuhliso ebewenza. Kunyaka ophelileyo.

“ Kunyaka ophelileyo wenze umsebenzi esawuncoma sonke, ebhatala ityala lombane kwiklinikhi yase Lutshaya, waza waba nguceba oveleleyo kuloo nyanga ngenxa yomsebenzi owawenzayo, ethabatha kuye epokothweni. I-EFF yamvuza nge-R50 000 ukuba enze nayiphi na inkqubo yophuhliso loluntu” U Madikizela ebebhekisa kwinyanga ka May kunyaka ka 2023, apho u Mafaka wabhatala ityala le khlinikhi yase Lutshaya.

Abaxolanga konke abebandla lika Bhodlumlilo ngokubekelwa bucala kwakusweleka inkokheli yabo

Ukanti u Mafaka nobesaziwa ngelika Bhodlumlilo kwibandla lakhe i Bhodlumlilo Ministries, ushiye isithuba nenxeba elingena kuvalwa kumalungu eli bandla, nakwabo bebesebenza kweli bandla ngokuqeshwa nguye ukuba baqhube iinkqubo zeli bandla. Ngethuba I Coastal Herald ibamba izimvo zabo ngokusweleka kuka Bhodlumlilo bavakalise ukuba iintliziyo zabo zibuhlungu kuba xa kungoku abazazi nokuba bame phi nebandla, bekwathi okungabaxolisanga ngamandla kukubekelwa bucala, kusuke kukhokeliswe ibandla lase Mtata, eloo wayeqale kulo. Omnye wala malungu e Bhodlumllo Ministries, ongathandanga ukuba igama lakhe lipapashwe uthi abakhange banikwe nethuba lokuba bafumane ukuthetha ngotata wabo obesebenza nabo iminyaka, ekwabancedisa ekubekeni isonka etafileni.

“Utata usikhulisile emoyeni, sisebenze naye simazi njengotata wethu wakwa moya kodwa ngoku xa engasekho sibekelwa bucala ngokungathi akukho nto siyaziyo, kukhokeliswe abanye abantu. Iintliziyo zethu zibuhlungu kukuba kungafakwa nesinye isithethi sebandla, kusuke ibandla lase Mtata ebelingahlali naye lizenzele yonke into ngenxa yokuba wakhuliswa khona ngokomoya” Kucacisa eli lungu.

Ukanti kukwakhalazelwe nokuba ezinye izihlobo azaziswanga ngokugula kuka Mafaka, wathi naxa sele eswelekile akwabikho mbiko ucacayo, kodwa bayiva emoyeni. Inkosikazi ka Mafaka, u Noxolo Mafaka uvakalise ukuba umyeni wakhe ebengathandi ukuba ukugula kwakhe kugcwaliswe ilizwe.

“Umyeni wam ebendithanda kakhulu, kwade kwasekugqibeleni. Into eyenza ukuba abantu bacinge ukuba bekufihlwa ukugula kwakhe kubangelwa kukuba utata ebengafuni ukuba ukugula kwakhe kwaziswe abantu kuba ebelumkele amagqwirha, kwaye nangoku amagqwirha angacingi ukuba aphumelele’’ kutsho uNkosikazi Mafaka.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *