News

ZINGAWA NANINI IZINDLU EZIHLALA AMAXHEGWAZANA EBIZANA

Sele kulixesha elide ephila kwindlala nentlupheko amaxhegwana amabini kwilali yase Hlabathi, kwa Mpisi, eBizana. Oku nanjengoko ehlala odwa kwizindlu ezisecicini lokuwa nanini,  bekwaphila ngemali yenkam-nkam enye emveni koba eyomnye1 yathinjwa ngenxa yokuntyumpa-ntyumpeka ematyaleni. Olilungu lekomiti, u Mfanuvele Luzipho uthi ubone le meko yala maxhegwazana wakhathazeka. “Ndithe ndigqitha ngakweli khaya ndabona omnye kwaba mama ezama ukucanda, ndangena ndamcandela,  kulapho ndibone khona ukuba imeko yabo, ndamangazwa kwayindlu abahlala kuyo”. U Luzipho utsho ecela amalizo okuba esi sibini sakhelwe noba yindlu enye ngeloyikisela iimvula zehlobo ezingalindeleka kungekudala. “Iimeko ezikumila kunje azinikwa ngqalelo kuba kwa uceba wethu akalubhadi kwakwezi lali ukuza kuhlola imeko zabahlali, kangangokuba andiqondi ukuba uyazazi ii-villages zakhe” Wongeze ngelo u Luzipho. Kwangeloo xesha i-Pondoland Times yenze iinzame zokuxhumana noceba wakwa ward 16, u Cllr. Nelson Njomi, nzame ezoo ziphelele emoyeni kuhle kwezithuku-thuku zenja ziphelele eboyeni. Sikwatsalele umnxeba umasipala wasekuhlaleni, I-Winnie Madikizela Mandela malunga nalo mba.  Intloko yonxibelelwano kulo masipala, u Mnu. Cwibi uthe lo mba khange uze etafileni yabo koko bagilene nawo kumakhasi yonxibelelwano. Sisathumele uceba ukuba ayokunika ingqwalasela kolu sapho ukuze bafumane  ingxelo nanjengoko ungakhange uziswe kuthi lo mba” Kucacise u Mnu. Cwibi. Ukanti kubethana izimvo kumakhasi onxibelelwano ngalo mba nanjengoko kukho ababuza ukuba uceba wangaphambili wayetheni ukuze angawakheli indlu la maxhegwazana, kukwatyholwa yena ngokuwavalela ngaphandle kwizindlu zesibonelelo sikarhulumente. Kwelinye icala kukwatyholwa umasipala wase Winnie Madikizela-Mandela ngokufeda ukuqwalasela izidingo zabahlali, ze kuthi xa kusondele uvoto kuthi gqi abantu abathembisa lukhulu.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *