ZINGAWA NANINI IZINDLU EZIHLALA AMAXHEGWAZANA EBIZANA
Sele kulixesha elide ephila kwindlala nentlupheko amaxhegwana amabini
kwilali yase Hlabathi, kwa Mpisi, eBizana. Oku nanjengoko ehlala odwa kwizindlu
ezisecicini lokuwa nanini, bekwaphila ngemali yenkam-nkam enye emveni
koba eyomnye1 yathinjwa ngenxa yokuntyumpa-ntyumpeka ematyaleni.
Olilungu lekomiti, u Mfanuvele Luzipho uthi ubone le meko yala maxhegwazana
wakhathazeka.
“Ndithe ndigqitha ngakweli khaya ndabona omnye kwaba mama ezama
ukucanda, ndangena ndamcandela, kulapho ndibone khona ukuba imeko yabo,
ndamangazwa kwayindlu abahlala kuyo”.
U Luzipho utsho ecela amalizo okuba esi sibini sakhelwe noba yindlu enye
ngeloyikisela iimvula zehlobo ezingalindeleka kungekudala.
“Iimeko ezikumila kunje azinikwa ngqalelo kuba kwa uceba wethu
akalubhadi kwakwezi lali ukuza kuhlola imeko zabahlali, kangangokuba andiqondi
ukuba uyazazi ii-villages zakhe” Wongeze ngelo u Luzipho.
Kwangeloo xesha i-Pondoland Times yenze iinzame zokuxhumana noceba wakwa
ward 16, u Cllr. Nelson Njomi, nzame ezoo ziphelele emoyeni kuhle
kwezithuku-thuku zenja ziphelele eboyeni.
Sikwatsalele umnxeba umasipala wasekuhlaleni, I-Winnie Madikizela Mandela
malunga nalo mba. Intloko yonxibelelwano kulo masipala, u Mnu. Cwibi uthe
lo mba khange uze etafileni yabo koko bagilene nawo kumakhasi
yonxibelelwano.
Sisathumele uceba ukuba ayokunika ingqwalasela kolu sapho ukuze
bafumane ingxelo nanjengoko ungakhange uziswe kuthi lo mba” Kucacise
u Mnu. Cwibi.
Ukanti
kubethana izimvo kumakhasi onxibelelwano ngalo mba nanjengoko kukho ababuza
ukuba uceba wangaphambili wayetheni ukuze angawakheli indlu la maxhegwazana,
kukwatyholwa yena ngokuwavalela ngaphandle kwizindlu zesibonelelo
sikarhulumente. Kwelinye icala kukwatyholwa umasipala wase Winnie
Madikizela-Mandela ngokufeda ukuqwalasela izidingo zabahlali, ze kuthi xa
kusondele uvoto kuthi gqi abantu abathembisa lukhulu.