Sport

IQELA LE SINENKANI FC LIPHOXAKELE KUKUMISWA KOMDLALO OBUPHAKATHI KWALO KUNYE NE FC RAVENS

Siliqela le Sinenkani FC sithanda ukuyibeka icace ethi siphoxakele kakhulu kukumiswa komdlalo phakathi kwethu kunye neqela iFC Ravens. Sinqwenela ukudlulisa unyalezo kubo bonke abesizwe senkani ukuba simbhalele uSAFA ngenjongo yokucela ingcaciso malunga noba wamiselwani lo mdlalo, ngoba sinoluvo loba kwakungekho sizathu nangayiphi na indlela soba kumiswe lo mdlalo. Sinoluvo loba ukumiswa kwalo mdlalo kwakungena sizathu yaye sifuna ukunikwa ithuba lokudlala ibhola kuphela ukuze siqubeleke nokubonisa abathandi bethu umdlalo omhle webhola. Iphupha lethu lokuya kwilizwe lesithembiso aliphazamiseki nangayiphi na indlela, yaye sizoqhubeleka nokonwabisa abalandeli bebhola, ngelo xesha siqubeleka nelo phupha. Sibongoza bonke abaxhasi nabalandeli besizwe senkani uba baqhubeleke nokwehlisa imimoya, bangathyafi baqubeleke nohambo lwethu oluya kwilizwe lesethembiso. Onke amandla ethu siwaphoseni kumdlalo wale mpela veki apho sizojongana ne Young Challengers. Itshatshalaza elamdelayo ise Maxesibeni ngomgqibelo. Masiphumeni ngobuninzi siyoxhasa abafana. Yonke imibuzo ngcaciso ingajoloswa kwigosa lezonxibelelwano uMnu. Lixolile Petela kule nombolo 0832869083.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *